Description
Sindiwe Magona
Kwezi zincoko zihlanu, singayibali imvula-miomo le, sisa iso
kwintsingiselo, imfuneko, nokubaluleka kwemida. Sifuna ukugonda ukuba, kanye kanye uyintoni na umsebenzi wayo le, impendulo esiza nayo yeyothusayo mhlawumbi kulowo ungakhange akhe aziphe ithuba lakuyigwalasela le ngongoma. Imida ikho ukuze yahlule le kuleya; iphawule loo nto lyohlule ngolo hiobo ize. kananialo ivikhusele. Eyona nto ityhulu kukuba bonke ubomi obu
sisicwangciso esicekethekileyo semida.
Yimbi kuyo leyo ingqingqwa yaye ingafanele kuthintwa. Kanti ikho nengachukunyiswayo nje kungonakali nto konke. Ikwakho ke naleyo kuthe yakuthintwa, ichukunyiswa, okanye ke mhlawumbi iguqulwa okanye ishitshiswa nie mpela,
kwasuka kwakukhona kulunga nangakumbi, Kodwa ke, loo nto kunyanzelekile ukuba isoloko yenziwa ngenkulu yona inyameko le; kuzikiswe ukucinga: kwacetywa.
Ubukhulu becala, imida ilungile yaye ukuyichukumisa kukuduba olu wango bulilifa lobomi; nto leyo ingathethi kuthi, apha naphaya – a kufanelekile akungenziwa njalo. Umzekelo: lo mda wokuphapha udutyiwe ngumntu. Kanye ngoku engesidalwa sinamaphiko, umntu uyabhabha – njalo ephikisa indalo nocwangco twayo. Kwezi zincoko ke, kuveleiwa imiba kolu
‘cwangco lucekeceke luluqilima luvimida” olululo oluxhase yonk’ intw ebubomi – esiyibonayo naleyo singayiboniyo ngeliso lenyama.


![When the Village Sleeps - [ebook available]](https://magonamedia.co.za/wp-content/uploads/2023/12/when-the-village-sleeps-300x300.png)

Reviews
There are no reviews yet.